Testamente Endala

Testamente Entsha

Umalaki 2:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngoku ke lo mthetho ubhekiswa kuni, babingeleli.

2. Ukuba anithanga niphulaphule, ukuba anithanga nikunyamekele ngentliziyo ukulizukisa igama lam, utsho uYehova wemikhosi ndonithumela isiqalekiso, ndiziqalekise iintsikelelo zenu; ewe, sendiziqalekisile, kuba ningàkunyamekeli ngentliziyo,

3. Yabonani, ndiyayikhalimelaingaloyenu, nditshize ngomswane ebusweni benu, umswane wemithendeleko yenu, banithwale banisuse nawo;

4. nazi ukuba ndinithumele lo mthetho, ukuba ube ngumnqophiso wam noLevi; utsho uYehova wemikhosi.

5. Umnqophiso wam ubunaye uLevi, ububomi noxolo; ndamnika ezo zinto ukuba oyike. Wandoyika ke, waqhiphuka umbilini ngenxa yegama lam.

6. Umyalelo wenyaniso waba semlonyeni wakhe, akwafumaneka bugqwetha emilebeni yomlomo wakhe; wahamba nam exolile, ethe tye, wabuyisa abaninzi ebugwenxeni.

7. Kuba umlomo wombingeleli ngowokugcina ukwazi, umyalelo bawufune emlonyeni wakhe; ngokuba ungumthunywa kaYehova wemikhosi.

8. Ke nina nimkile endleleni, nabakhubekisa abaninzi kuwo umyalelo, nawonakalisa umnqophiso kaLevi; utsho uYehova wemikhosi.

9. Nam ndinenza abadelekileyo nabathobekileyo ebantwini bonke, ngokokuba ningàzigcinanga iindlela zam, nesuka nanonelela umntu emyalelweni.

funda isahluko epheleleyo Umalaki 2