Testamente Endala

Testamente Entsha

Umalaki 1:9-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Kaloku ke, khanimbongoze uThixo, ukuba asibabale; kuvelé esandleni senu oku; womnonelela ke umntu ngenxa yenu na? utsho uYehova wemikhosi.

10. Akwaba bekukho umntu kuni ozivalileyo iingcango, anasibanekela ilizé isibingelelo sam! Àndininanzé nganto, utsho uYehova wemikhosi, àndikholiswa nangumnikelo ophuma esandleni senu.

11. Ngokuba kuthabathela ekuphumeni kwelanga, kude kuse ekutshoneni kwalo, likhulu igama lam phakathi kweentlanga; nasezindaweni zonke kuqhunyiselwa, kunikèlwe igama lam umnikelo ohlambulukileyo; ngokuba likhulu igama lam phakathi kweentlanga; utsho uYehova wemikhosi.

12. Ke nina niyalihlambela ngokuthi oku kwenu, Isithebe sikaYehova singcolile, neziveliso zaso, ukutya kwaso kudelekile.

13. Nábuya nathi ke, Yabonani, yindinisa yani na le! nasivuthela; utsho uYehova wemikhosi; nazìsa izinto eziphangiweyo, neziziqhwala, nezifayo; nenjenje ukuzisa umnikelo ke; ndikholiswe na ke zezo zinto ziphuma esandleni senu? utsho uYehova.

funda isahluko epheleleyo Umalaki 1