Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 9:9-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Bonke ke abantu bephela baya kwazi, amaEfrayim nabemi belakwaSamari: ábathi ngekratshi nangobukhulu bentliziyo,

10. Izitena ziwile, siya kwakha ngamatye aqingqiweyo; imithombe ixakaxiwe, siya kuyimisela ngemisedare.*

11. UYehova ubaphakamisile ababandezeli bakaRetsin phezu kwakhe, uzixhoxhile iintshaba zakhe.

12. Ama-Aram* ngasempumalanga, namaFilisti ngasentshonalanga, awadlile amaSirayeli ngomlomo wonke. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; isandla sakhe sisolukile.

13. Aba bantu ke àbabuyeli kulowo ubabethileyo; àbamngxamele uYehova wemikhosi.

14. Ngoko ke usuke uYehova wanqumla kuSirayeli intloko nomsila, isebe lomthi wesundu nomzí, ngamininye.

15. Amadoda amakhulu nabafo ababekekileyo, yintloko ke leyo; abaprofeti abayala ngobuxoki, ngumsila ke lowo.

16. Abakhokeli baba bantu basuke baba ngaba bandwendwisayo, nabakhokelwa ngabo basuke baba ngabaginyiweyo.

17. Ngenxa yoko iNkosi ayiyi kuvuya ngamadodana abo, ingabi namfesane ngeenkedama zabo nabahlolokazi babo; ngokuba bonke bephela baziintshembenxa, nabenzi bobubi; yonke imilomo ithetha ngobudenge. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; isandla sakhe sisolukile.

18. Kuba okungendawo kutsha njengomlilo, kudla ubobo namakhakakhaka, kufaka isikhuni ezintshinyeleni zehlathi, kunyuka njengomqulu womsi.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 9