Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 9:16-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Abakhokeli baba bantu basuke baba ngaba bandwendwisayo, nabakhokelwa ngabo basuke baba ngabaginyiweyo.

17. Ngenxa yoko iNkosi ayiyi kuvuya ngamadodana abo, ingabi namfesane ngeenkedama zabo nabahlolokazi babo; ngokuba bonke bephela baziintshembenxa, nabenzi bobubi; yonke imilomo ithetha ngobudenge. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; isandla sakhe sisolukile.

18. Kuba okungendawo kutsha njengomlilo, kudla ubobo namakhakakhaka, kufaka isikhuni ezintshinyeleni zehlathi, kunyuka njengomqulu womsi.

19. Ngokuphuphuma komsindo kaYehova wemikhosi ilizwe liyatsha; abantu banjengokudla komlilo; umntu akamcongi umzalwana wakhe.

20. Basika ngasekunene, balambe noko; badle ngasekhohlo, bangahluthi noko; umntu adle inyama yengalo yakhe;

21. uManase adle uEfrayim, uEfrayim adle uManase; bona bachasane noYuda. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; sisolukile isandla sakhe.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 9