Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 8:7-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. ngako oko, yabona, iNkosi inyusela phezu kwakho amanzi oMlambo,* lawo anamandla amakhulu, kwaukumkani waseAsiriya nobunzima bakhe bonke. Wónyuka wona ube ngaphezu kwemisele yawo yonke, uhambe ngaphandle kweendonga zawo zonke,

8. utyhudisele kwelakwaYuda, ukhukule, udlule, ubethe emqaleni; kuthi ukunaba kwamahlelo awo kuzalise ububanzi belizwe lakho, Imanuweli.

9. Bhavumani, zizwe, niqotywe; bekani indlebe, nonke mimandla ikude yehlabathi; bhinqani, niqotywe; bhinqani, niqotywe.

10. Cebani icebo, lotshitsha; thethani ilizwi, aliyi kuma; ngokuba uThixo unathi.

11. Kuba utshilo uYehova kum, eseyisa ngamandla, endithethisa ukuba ndingahambi ngendlela yabo bantu, ukuthi,

12. Ize ningàthi, Ikukucetywa into yonke abathi abo bantu, Ikukucetywa; nento eyoyikwa ngabo ningayoyiki, ningangcangcazeliswa yiyo.

13. UYehova wemikhosi, ngcwalisani yena nina, abe nguye enimoyikayo, abe nguye oningcangcazelisayo.

14. Woba yingcwele kuni; ke yena uya kuba lilitye lokubetheka, neliwa lokukhubeka, kuzo zombini izindlu zakwaSirayeli, abe sisibatha nomgibe kubemi baseYerusalem.

15. Abaninzi kubo baya kukhubeka apho, bawe, baphuke, barhintyeleke, babanjiswe.

16. Bopha isingqino, tywina uqinise isiyalo kubafundi bam.

17. Ndiya kulindela kuYehova, lo ubusithelisayo ubuso bakhe kwindlu kaYakobi, ndithembele kuye.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 8