5. Waqokela uYehova, wabuya wathetha kum, esithi,
6. Ngenxa enokuba abo bantu bewacekisa amanzi aseShilowa, la ahamba kuhle, benze imihlali noRetsin nonyana kaRemaliya:
7. ngako oko, yabona, iNkosi inyusela phezu kwakho amanzi oMlambo,* lawo anamandla amakhulu, kwaukumkani waseAsiriya nobunzima bakhe bonke. Wónyuka wona ube ngaphezu kwemisele yawo yonke, uhambe ngaphandle kweendonga zawo zonke,
8. utyhudisele kwelakwaYuda, ukhukule, udlule, ubethe emqaleni; kuthi ukunaba kwamahlelo awo kuzalise ububanzi belizwe lakho, Imanuweli.
9. Bhavumani, zizwe, niqotywe; bekani indlebe, nonke mimandla ikude yehlabathi; bhinqani, niqotywe; bhinqani, niqotywe.
10. Cebani icebo, lotshitsha; thethani ilizwi, aliyi kuma; ngokuba uThixo unathi.
11. Kuba utshilo uYehova kum, eseyisa ngamandla, endithethisa ukuba ndingahambi ngendlela yabo bantu, ukuthi,
12. Ize ningàthi, Ikukucetywa into yonke abathi abo bantu, Ikukucetywa; nento eyoyikwa ngabo ningayoyiki, ningangcangcazeliswa yiyo.
13. UYehova wemikhosi, ngcwalisani yena nina, abe nguye enimoyikayo, abe nguye oningcangcazelisayo.