Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 8:15-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Abaninzi kubo baya kukhubeka apho, bawe, baphuke, barhintyeleke, babanjiswe.

16. Bopha isingqino, tywina uqinise isiyalo kubafundi bam.

17. Ndiya kulindela kuYehova, lo ubusithelisayo ubuso bakhe kwindlu kaYakobi, ndithembele kuye.

18. Yabona, mna nabantwana andinikileyo uYehova, singabemiqondiso nezimanga kwaSirayeli, ezivela kuYehova wemikhosi, ulohlala entabeni yaseZiyon.

19. Xa bathe kuni, Quqelani kwabaneshologu nakoosiyazi, abalozayo, abadumzelayo, yithini, Abantu mabangaquqeli kuThixo wabo, yini na? Ngenxa yabaphilileyo mabaquqele kwabafileyo na?

20. Bhekani esiyalweni, esingqinweni! Ukuba bathe àbathetha ngokwelo lizwi, boba abanasifingo.

21. Baya kucanda kulo ilizwe begogotyelwe, belambile; kuthi ke, xa bathe balamba, babe noburhalarhume, batshabhise ukumkani wabo noThixo wabo, babheke phezulu;

22. babheke emhlabeni, nanko kuyimbandezelo nobumnyama, bethiwe ncithi yingcutheko, begxothelwe esithokothokweni.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 8