Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 8:11-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Kuba utshilo uYehova kum, eseyisa ngamandla, endithethisa ukuba ndingahambi ngendlela yabo bantu, ukuthi,

12. Ize ningàthi, Ikukucetywa into yonke abathi abo bantu, Ikukucetywa; nento eyoyikwa ngabo ningayoyiki, ningangcangcazeliswa yiyo.

13. UYehova wemikhosi, ngcwalisani yena nina, abe nguye enimoyikayo, abe nguye oningcangcazelisayo.

14. Woba yingcwele kuni; ke yena uya kuba lilitye lokubetheka, neliwa lokukhubeka, kuzo zombini izindlu zakwaSirayeli, abe sisibatha nomgibe kubemi baseYerusalem.

15. Abaninzi kubo baya kukhubeka apho, bawe, baphuke, barhintyeleke, babanjiswe.

16. Bopha isingqino, tywina uqinise isiyalo kubafundi bam.

17. Ndiya kulindela kuYehova, lo ubusithelisayo ubuso bakhe kwindlu kaYakobi, ndithembele kuye.

18. Yabona, mna nabantwana andinikileyo uYehova, singabemiqondiso nezimanga kwaSirayeli, ezivela kuYehova wemikhosi, ulohlala entabeni yaseZiyon.

19. Xa bathe kuni, Quqelani kwabaneshologu nakoosiyazi, abalozayo, abadumzelayo, yithini, Abantu mabangaquqeli kuThixo wabo, yini na? Ngenxa yabaphilileyo mabaquqele kwabafileyo na?

20. Bhekani esiyalweni, esingqinweni! Ukuba bathe àbathetha ngokwelo lizwi, boba abanasifingo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 8