Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 7:9-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Intloko yamaEfrayim kukwaSamari, intloko yakwaSamari ngunyana kaRemaliya. Ukuba nithe anakholwa, inene, aniyi kuqiniseka.

10. Waqokela uYehova, wathetha kuAhazi, esithi,

11. Zicelele umqondiso kuYehova uThixo wakho; cela ubhekise enzulwini kwelabafileyo, mhlawumbi ubhekise enyangweni phezulu.

12. Wathi uAhazi, Andiyi kucela, andiyi kumlinga uYehova.

13. Wathi yena, Khanive, ndlu kaDavide; kuyinto encinane na kuni ukudinisa abantu, ukuda oku nidinise noThixo wam?

14. Ngako oko iya kuninika umqondiso ngokwayo iNkosi: uyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, imthiye igama elinguImanuweli.*

15. Uya kudla amasi nobusi, ade akwazi ukulahla okubi, anyule okulungileyo.

16. Kuba, engekakwazi umntwana lowo ukulahla okubi, anyule okulungileyo, wóba selushiyiwe loo mhlaba, úkumkani bawo babini bakukruqúlayo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 7