Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 7:19-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. zize, ziphumle zonke ziphela ezihlanjeni eziphakathi kwamaxandeka, nasezimfanteni zeengxondorha, nasezintangweni zonke zemiqaqoba, nasemadlelweni onke.

20. Ngaloo mini iNkosi iya kuguya ngesitshetshe esiqeshiweyo selasezinxwemeni zoMlambo,* ngokumkani waseAsiriya, intloko noboya beenyawo; siphephethe neendevu.

21. Kothi ngaloo mini umntu aphilise ithokazi lenkomo neemazi zezimvu zibe mbini;

22. kuthi ngokwehlisa kwazo kakhulu adle amasi; ngokuba baya kudla amasi nobusi bonke abo baseleyo phakathi kwelizwe.

23. Kothi ngaloo mini zonke iindawo ezazinewaka lemidiliya elimelwe liwaka leesilivere, zibe zezobobo namakhakakhaka.

24. Kuya kuyiwa khona neentolo nezaphetha; ngokuba lonke ilizwe liya kuba lubobo namakhakakhaka.

25. Zonke iintaba ebezigatywa ngamagaba, akuyi kuya kuzo, ngokoyika ubobo namakhakakhaka; loba lelokugxothela iinkomo, nokunyashwa ziigusha.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 7