Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 7:13-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Wathi yena, Khanive, ndlu kaDavide; kuyinto encinane na kuni ukudinisa abantu, ukuda oku nidinise noThixo wam?

14. Ngako oko iya kuninika umqondiso ngokwayo iNkosi: uyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, imthiye igama elinguImanuweli.*

15. Uya kudla amasi nobusi, ade akwazi ukulahla okubi, anyule okulungileyo.

16. Kuba, engekakwazi umntwana lowo ukulahla okubi, anyule okulungileyo, wóba selushiyiwe loo mhlaba, úkumkani bawo babini bakukruqúlayo.

17. UYehova uya kukuzisela wena nabantu bakho, nendlu kayihlo, imihla ekungazanga kubekho ingangayo, kususela kwimini wemka ngayo uEfrayim kwaYuda; ngukumkani waseAsiriya ke lowo.

18. Kothi ngaloo mini uYehova ayenzele ikhwelo impukane esekupheleni kwemijelo yoMnayile waseYiputa, nenyosi esezweni laseAsiriya;

19. zize, ziphumle zonke ziphela ezihlanjeni eziphakathi kwamaxandeka, nasezimfanteni zeengxondorha, nasezintangweni zonke zemiqaqoba, nasemadlelweni onke.

20. Ngaloo mini iNkosi iya kuguya ngesitshetshe esiqeshiweyo selasezinxwemeni zoMlambo,* ngokumkani waseAsiriya, intloko noboya beenyawo; siphephethe neendevu.

21. Kothi ngaloo mini umntu aphilise ithokazi lenkomo neemazi zezimvu zibe mbini;

funda isahluko epheleleyo Uisaya 7