Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 7:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku kwathi, ngemihla ka-Ahazi unyana kaYotam, unyana kaUziya, ukumkani wakwaYuda, wenyuka uRetsin ukumkani wama-Aram,* enoPeka unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, weza eYerusalem, ukuba alwe nayo; akaba nako ke ukulwa nayo.

2. Kwaxelwa kwindlu kaDavide, kwathiwa, Ama-Aram* athelele kwabelakwaEfrayim. Yadidizela intliziyo yakhe nentliziyo yabantu bakhe, njengokudidizela kwemithi yehlathi phambi komoya.

3. Wathi uYehova kuIsaya, Khawuphume uye umkhawulele uAhazi, wena noMasalela-obuya unyana wakho, ekupheleni komjelo wechibi lasentla, emendweni ongasentsimini yomxovuli weengubo;

4. uthi kuye, Gcinisa, uzole, ungoyiki, ingathambi intliziyo yakho ngenxa yezo zikhondo zibini zezikhuni eziqhumayo, ekuvutheni komsindo kaRetsin nama-Aram, nonyana kaRemaliya;

5. ngenxa enokuba ama-Aram namaEfrayim nonyana kaRemaliya becebile ububi ngawe, besithi,

6. Masinyuke siye kwelakwaYuda, silikruqule, silinqike libe lelethu, simise ukumkani phakathi kwalo, unyana kaTabhele;

7. itsho iNkosi uYehova, ukuthi, Loo nto ayiyi kuma, ayiyi kubakho.

8. Ngokuba intloko yama-Aram yiDamasko, intloko yeDamasko nguRetsin; kuya kuthi iseyiminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, aqotywe amaEfrayim, angabi bantu.

9. Intloko yamaEfrayim kukwaSamari, intloko yakwaSamari ngunyana kaRemaliya. Ukuba nithe anakholwa, inene, aniyi kuqiniseka.

10. Waqokela uYehova, wathetha kuAhazi, esithi,

11. Zicelele umqondiso kuYehova uThixo wakho; cela ubhekise enzulwini kwelabafileyo, mhlawumbi ubhekise enyangweni phezulu.

12. Wathi uAhazi, Andiyi kucela, andiyi kumlinga uYehova.

13. Wathi yena, Khanive, ndlu kaDavide; kuyinto encinane na kuni ukudinisa abantu, ukuda oku nidinise noThixo wam?

14. Ngako oko iya kuninika umqondiso ngokwayo iNkosi: uyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, imthiye igama elinguImanuweli.*

funda isahluko epheleleyo Uisaya 7