Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 66:9-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Mna ndingàvelisisa na, ndingazalisi? utsho uYehova; ndingàthi mna ndizalisayo ndivingce na? utsho uThixo wakho.

10. Vuyisanani neYerusalem, nigcobe ngayo, nonke bayithandayo; yenzani imihlali nibe nemihlali, nonke bayenzalayo isijwili;

11. ukuze nanye nihluthe libele leentuthuzelo zayo, ukuze nishube, nixhamle ukwehlisa kozuko lwayo.

12. Ngokuba uYehova utsho ukuthi, Yabonani, ndisingisa uxolo kuyo njengomlambo, nozuko lweentlanga njengesihlambo esikhukulayo, ukuze nanye; niya kubelekwa ephangweni, niteketiswe emathangéni.

13. Njengomntu othuthuzelwa ngunina, ndiya kwenjenjalo mna ukunithuthuzela, nithuthuzelwe eYerusalem.

14. Nobona, ibe nemihlali intliziyo yenu, ahlume amathambo enu njengohlaza, sazeke isandla sikaYehova ebakhonzini bakhe, azibhavumele iintshaba zakhe.

15. Kuba, yabonani, uYehova uya kuza ngomlilo, zinjengesaqhwithi iinqwelo zakhe zokulwa, ukuze abuyekeze umsindo wakhe ngobushushu, nokukhalima kwakhe ngamalangatye omlilo.

16. Kuba uYehova uya kuyigweba ngomlilo nangekrele lakhe inyama yonke, babe baninzi ababuleweyo nguYehova.

17. Abo bazingcwalisayo, bazihlambululele imiyezo, bexelisa omnye ongaphakathi, badle inyama yehagu, nento enezothe, nempuku, baya kuphela kunye; utsho uYehova.

18. Mna ke, ndiyazazi izenzo zabo neengcinga zabo.Kobakho ixesha lokuba zihlanganisane zonke iintlanga neelwimi, zize zibubone ubuqaqawuli bam;

funda isahluko epheleleyo Uisaya 66