Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 66:7-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ingekazibhijabhiji, yazala; ingekezi inimba kuyo, yathi tyibilili umntwana oyinkwenkwe.

8. Ngubani na okhe weva kunjalo? Ngubani na okhe wabona izinto ezinjalo? Kuya kuzalwa ilizwe ngamininye na? Kuzalwa uhlanga ngasihlandlo sinye na? Ngokuba isathi ukuthi ukuzibhijabhija, yabazala onyana bayo iZiyon.

9. Mna ndingàvelisisa na, ndingazalisi? utsho uYehova; ndingàthi mna ndizalisayo ndivingce na? utsho uThixo wakho.

10. Vuyisanani neYerusalem, nigcobe ngayo, nonke bayithandayo; yenzani imihlali nibe nemihlali, nonke bayenzalayo isijwili;

funda isahluko epheleleyo Uisaya 66