Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 65:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndangxokeka kwababengàndibuzi, ndafumaneka kwababengàndifuni. Ndathi, Ndikho, ndikho, kuhlanga obelungabizwa ngegama lam.

2. Ndolula isandla zam imini yonke kubantu abaziinjubaqa, ábahamba ngendlela engalungileyo, emva kweengcinga ezizezabo:

3. abantu aba bandiqumbisàyo ngamaxesha onke besebusweni bam, bebingelela emiyezweni, beqhumisela eziteneni,

4. behleli emangcwabeni, belalisa ezindaweni ezinqabileyo, besidla inyama yehagu, ezityeni zabo ingumhluzi oyimbozisa;

5. besithi, Yima, ungasondeli kum; ngokuba ndingcwele kunawe. Abo bangumsi ezimpumlweni zam, umlilo otsha iimini zonke.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 65