Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 65:1-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndangxokeka kwababengàndibuzi, ndafumaneka kwababengàndifuni. Ndathi, Ndikho, ndikho, kuhlanga obelungabizwa ngegama lam.

2. Ndolula isandla zam imini yonke kubantu abaziinjubaqa, ábahamba ngendlela engalungileyo, emva kweengcinga ezizezabo:

3. abantu aba bandiqumbisàyo ngamaxesha onke besebusweni bam, bebingelela emiyezweni, beqhumisela eziteneni,

4. behleli emangcwabeni, belalisa ezindaweni ezinqabileyo, besidla inyama yehagu, ezityeni zabo ingumhluzi oyimbozisa;

5. besithi, Yima, ungasondeli kum; ngokuba ndingcwele kunawe. Abo bangumsi ezimpumlweni zam, umlilo otsha iimini zonke.

6. Yabona, kubhaliwe phambi kwam, kwathiwa, Andiyi kuthi tu, ndingaphindezelanga; ndiya kuphindezelela esondweni lengubo yabo izenzo zenu ezigwenxa,

7. nezenzo ezigwenxa zooyihlo kunye, utsho uYehova; abaqhumiseláyo ezintabeni, bandingcikiva ezindulini; ngako oko ndiya kuwulinganisela umvuzo womsebenzi wabo kuqala esondweni labo.

8. Utsho uYehova ukuthi, Njengokuba incindi ifunyanwa esihlokweni, athi umntu, Musa ukusonakalisa, ngokuba kukho intsikelelo kuso; ndiya kwenjenjalo ngenxa yabakhonzi bam, ukuze ndingonakalisi into yonke.

9. Ndiya kuvelisa imbewu kaYakobi, indlalifa yentaba yam kwaYuda, balidle ilifa abanyulwa bam, bahlale khona abakhonzi bam;

10. iSharon yoba likriwa lempahla emfutshane, nentili yeAkore ibe yindawo yokubutha iinkomo ebantwini bam abandiquqeleyo.

11. Ke nina nimshiyileyo uYehova, niyilibeleyo intaba yam engcwele, nimlungiselayo uThamsanqa isithebe, nimzaliselayo uSihlo iwayini ephithikeziweyo, ndinimisele ikrele,

12. niguqele ukusikwa nonke mpela, ngenxa enokuba ndanibizayo, ànasabela; ndathetha, aneva; nesuka nenza okubi emehlweni am; nanyula endingakunanzileyo.

13. Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, abakhonzi bam baya kudla, ke nina niya kulamba; yabonani, abakhonzi bam baya kusela, ke nina niya kunxanwa; yabonani, abakhonzi bam baya kuvuya, ke nina niya kudana.

14. Yabonani, abakhonzi bam baya kumemelela ngokuchwayitha kwentliziyo, ke nina niya kukhala ngumvandedwa wentliziyo, nibhomboloze kukwaphuka komoya wenu.

15. Niya kulishiya igama lenu libe sisishwabulo kubanyulwa bam, ikubulale iNkosi uYehova, ke ibabize ngalimbi igama abakhonzi bayo;

16. ngokokude athi ozisikeleleyo elizweni, azisikelele ngoThixo wenyaniso; athi ofungayo elizweni, afunge uThixo wenyaniso; ngokuba zilityelwe iimbandezelo zangaphambili, nangokuba zisithele emehlweni am.

17. Ngokuba, niyabona, ndidala amazulu amatsha nehlabathi elitsha; angàkhunjulwa awokuqala, angenyuki athi qatha entliziyweni.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 65