Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 63:9-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ekubandezelekeni kwabo konke wabandezeleka, nesithunywa sobuso bakhe sabasindisa; ekubathandeni kwakhe nasekubacongeni kwakhe wayebakhulula ngokumisela yena, wabafunqula; wabathwala yonke imihla yasephakadeni.

10. Ke bona bamphikisa, bamenza buhlungu uMoya wakhe oyiNgcwele; waguquka ke, waba lutshaba kubo, walwa nabo.

11. Baza abantu bakhe bakhumbula imihla yasephakadeni kaMoses, bathi, Úphi na lo wabanyusa elwandle, ndawonye nomalusi womhlambi wakhe? Úphi na lowo wawubeka phakathi kwabo uMoya wobungcwele bakhe?

12. wayihambisa ngasekunene kukaMoses ingalo yokuhomba kwakhe? wawacanda amanzi phambi kwabo, ukuze azenzele igama elingunaphakade?

13. wabahambisa emanzini anzongonzongo, njengehashe entlango, àbakhubeka?

14. Njengeenkomo ezihla ziye entilini, uMoya kaYehova wabaphumza; wènjenjalo ukubaqhuba abantu bakho, ukuze uzenzele igama elizukileyo.

15. Bheka usemazulwini, ubone usengontsini yobungcwele bakho neyesihombo sakho. Buphi na ubukhwele bakho nobugorha bakho? Ukusika kwezibilini zakho neemfesane zakho zibambekile kum.

16. Kuba ùngubawo wena, ngokuba uAbraham engasazi, uSirayeli engasinakani; wena, Yehova, unguBawo, uMkhululi wethu ligama lakho kwasephakadeni.

17. Yini na ukuba usiyeke sidungudele, Yehova, simke ezindleleni zakho, uyiqaqadekise intliziyo yethu, singakoyiki wena? Búya, ngenxa yabakhonzi bakho, izizwe zelifa lakho.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 63