Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 63:8-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Wathi okwenene, Bangabantu bam ke, oonyana abangayi kuxoka; waba ngumsindisi kubo ke.

9. Ekubandezelekeni kwabo konke wabandezeleka, nesithunywa sobuso bakhe sabasindisa; ekubathandeni kwakhe nasekubacongeni kwakhe wayebakhulula ngokumisela yena, wabafunqula; wabathwala yonke imihla yasephakadeni.

10. Ke bona bamphikisa, bamenza buhlungu uMoya wakhe oyiNgcwele; waguquka ke, waba lutshaba kubo, walwa nabo.

11. Baza abantu bakhe bakhumbula imihla yasephakadeni kaMoses, bathi, Úphi na lo wabanyusa elwandle, ndawonye nomalusi womhlambi wakhe? Úphi na lowo wawubeka phakathi kwabo uMoya wobungcwele bakhe?

12. wayihambisa ngasekunene kukaMoses ingalo yokuhomba kwakhe? wawacanda amanzi phambi kwabo, ukuze azenzele igama elingunaphakade?

13. wabahambisa emanzini anzongonzongo, njengehashe entlango, àbakhubeka?

funda isahluko epheleleyo Uisaya 63