Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 63:6-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ndazigqusha izizwe ndinomsindo, ndazinxilisa ndinobushushu, ndalihlisela emhlabeni igazi lazo.

7. Ndiya kukhankanya iinceba zikaYehova, iindumiso zikaYehova ngokokufanele konke ukusiphatha kukaYehova; nokulunga kwakhe okukhulu kwindlu kaSirayeli, awayiphatha ngako ngokwemfesane yakhe, nangokobuninzi beenceba zakhe.

8. Wathi okwenene, Bangabantu bam ke, oonyana abangayi kuxoka; waba ngumsindisi kubo ke.

9. Ekubandezelekeni kwabo konke wabandezeleka, nesithunywa sobuso bakhe sabasindisa; ekubathandeni kwakhe nasekubacongeni kwakhe wayebakhulula ngokumisela yena, wabafunqula; wabathwala yonke imihla yasephakadeni.

10. Ke bona bamphikisa, bamenza buhlungu uMoya wakhe oyiNgcwele; waguquka ke, waba lutshaba kubo, walwa nabo.

11. Baza abantu bakhe bakhumbula imihla yasephakadeni kaMoses, bathi, Úphi na lo wabanyusa elwandle, ndawonye nomalusi womhlambi wakhe? Úphi na lowo wawubeka phakathi kwabo uMoya wobungcwele bakhe?

12. wayihambisa ngasekunene kukaMoses ingalo yokuhomba kwakhe? wawacanda amanzi phambi kwabo, ukuze azenzele igama elingunaphakade?

13. wabahambisa emanzini anzongonzongo, njengehashe entlango, àbakhubeka?

14. Njengeenkomo ezihla ziye entilini, uMoya kaYehova wabaphumza; wènjenjalo ukubaqhuba abantu bakho, ukuze uzenzele igama elizukileyo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 63