Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 63:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngubani na lo uza evela kwaEdom, evela eBhotsera, zibomvu iingubo zakhe? lo uyingangamsha ngesambatho sakhe, enyalasa ebuninzini bamandla akhe? Ndim, mna uthetha ngokobulungisa, mna umkhulu ukusindisa.

2. Yini na ukuba sibe yingqombela isambatho sakho, neengubo zakho zibe njengezoxovula esixovulelweni sewayini?

3. Isifaxangelo ndìsixovule ndedwa; ezizweni akubangakho bani inam; ndazixovula ndinomsindo, ndazinyasha ndishushu; igazi lazo lachaphazela iingubo zam, ndasidyobha sonke isambatho sam.

4. Kuba umhla wempindezelo ubusentliziyweni yam, nomnyaka wokukhulula kwam ngokuhlawulela ufikile.

5. Ndabheka, akwabakho mncedi; ndamangaliswa ukuba kungabikho mxhasi; yandisindisela ke ingalo yam, nobushushu bam baba ngumxhasi wam.

6. Ndazigqusha izizwe ndinomsindo, ndazinxilisa ndinobushushu, ndalihlisela emhlabeni igazi lazo.

7. Ndiya kukhankanya iinceba zikaYehova, iindumiso zikaYehova ngokokufanele konke ukusiphatha kukaYehova; nokulunga kwakhe okukhulu kwindlu kaSirayeli, awayiphatha ngako ngokwemfesane yakhe, nangokobuninzi beenceba zakhe.

8. Wathi okwenene, Bangabantu bam ke, oonyana abangayi kuxoka; waba ngumsindisi kubo ke.

9. Ekubandezelekeni kwabo konke wabandezeleka, nesithunywa sobuso bakhe sabasindisa; ekubathandeni kwakhe nasekubacongeni kwakhe wayebakhulula ngokumisela yena, wabafunqula; wabathwala yonke imihla yasephakadeni.

10. Ke bona bamphikisa, bamenza buhlungu uMoya wakhe oyiNgcwele; waguquka ke, waba lutshaba kubo, walwa nabo.

11. Baza abantu bakhe bakhumbula imihla yasephakadeni kaMoses, bathi, Úphi na lo wabanyusa elwandle, ndawonye nomalusi womhlambi wakhe? Úphi na lowo wawubeka phakathi kwabo uMoya wobungcwele bakhe?

funda isahluko epheleleyo Uisaya 63