Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 60:13-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Ubuqaqawuli beLebhanon buya kuza kuwe, umsipres* nompleyini* nomgalagala ndawonye, ukuze ihombe indawo yengcwele yam, ndiyizukise indawo yeenyawo zam.

14. Baya kuza kuwe besibekeka oonyana babacinezeli bakho, baqubude ezintendeni zeenyawo zakho abakugibayo; úkukubiza bathi, Mzi kaYehova, Ziyon yoyiNgcwele kaSirayeli.

15. Esikhundleni sokuba ubushiyiwe, uthiyiwe, akwabakho bani ucanda kuwe, ndiya kukwenza ke ingangamsha engunaphakade, imihlali yezizukulwana ngezizukulwana.

16. Ùya kwanya amasi eentlanga, wanye ibele lokumkani, wazi ukuba mna Yehova ndinguMsindisi wakho, uMkhululi wakho, iMbalasane kaYakobi.

17. Esikhundleni sobhedu ndizisa igolide, esikhundleni sesinyithi ndizisa isilivere, esikhundleni semithi ubhedu, esikhundleni samatye isinyithi; isiveleli sakho ndisènze uxolo, abaphathi bakho ndibenze ubulungisa.

18. Akuyi kuba savakala lugonyamelo ezweni lakho, imbuqo nolwaphulo emideni yakho; iindonga zakho ukuzibiza wòthi luSindiso, namasango akho uthi yiNdumiso.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 60