Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 60:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Suk' ume ukhanye, kuba kufikile ukukhanya kwakho, nobuqaqawuli bukaYehova buthe chapha kuwe.

2. Ngokuba, uyabona, ubumnyama buwugubungele umhlaba, isithokothoko sizigubungele izizwe; ke kuwe uYehova uthe chapha, ubuqaqawuli bakhe bubonakele phezu kwakho.

3. Ziya kuhamba iintlanga zize ekukhanyeni kwakho, ookumkani beze ebumhlotsheni bokuthi chapha kwakho.

4. Phakamisa amehlo akho ngeenxa zonke, ubone; bonke bephela bayahlanganisana, baza kuwe; oonyana bakho bavela kude, neentombi zakho zibelekwe ephangweni.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 60