Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 59:9-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ngenxa yoko kukude kuthi okusesikweni, nobulungisa abufikeleli kuthi. Sithembé ukukhanya, nanku ke kumnyama; sithembé ukuba kube mhlophe, sihamba esithokothokweni.

10. Siya phuthaphutha njengeemfama eludongeni; siyaphuthaphutha njengabangenamehlo; sikhubeka emini enkulu ngathi kungongcwalazi; phakathi kwabaxhamla ubomi, ngathi thina singabafileyo.

11. Siyavungama njengebhere* sonke siphela; sidumzela sidumzele njengamavukuthu; sithemba okusesikweni, kungabikho; sithemba usindiso, lube kude kuthi.

12. Kuba zininzi izikreqo zethu phambi kwakho, nezono zethu ziyangqina ngathi; kuba izikreqo zethu zinathi, nobugwenxa bethu siyabazi:

13. ukukreqa kuYehova, nokumkhanyela, nokubuya umva kuThixo wethu, ukuthetha okucudisayo, okutyekisayo, ukukhawula nokuphimisela ngentliziyo amazwi obuxoki.

14. Okusesikweni kubuyiswe umva, nobulungisa bumi kude; ngokuba inyaniso ikhubekile endaweni yembutho, akunakungena okuthe gca.

15. Yesuka yasweleka inyaniso, nocezayo ebubini wazibhunyulisa. Wabona ke uYehova, kwakubi emehlweni akhe, ukuba kungekho okusesikweni.

16. Wabona ukuba akukho mntu, wamangaliswa ukuba kungekho mthandazeli; yaza yamsindisela ingalo yakhe, nobulungisa bakhe bona bamxhasa.

17. Wanxiba ubulungisa ngokwengubo yentsimbi, wanxiba isigcina-ntloko sosindiso entloko; ukwambatha wambatha iingubo zempindezelo, wazithi wambu ngekhwele, kwanga kungengubo yokwaleka.

18. Ngokwempatho yabo leya úya kubuyekeza ngokoko, ubushushu kubabandezeli bakhe, kwaimpatho yabo kwabaziintshaba zakhe; kwiziqithi uya kubuyekeza kwaimpatho yazo.

19. Baya kuloyika igama likaYehova entshonalanga, baboyike ubuqaqawuli bakhe empumalanga; kuba uya kuza njengomlambo oxineneyo, obalekiswa ngumoya kaYehova;

funda isahluko epheleleyo Uisaya 59