2. Bubugwenxa benu obunahlukanisileyo noThixo wenu, zizono zenu ezibusithelisileyo ubuso bakhe kuni, ukuba angevi.
3. Kuba izandla zenu zidyobhekile ligazi, neminwe yenu bubugwenxa; nomlomo wenu uthetha ubuxoki, ulwimi lwenu ludumzela ubugqwetha.
4. Akukho uvakalisa ilizwi elinobulungisa, akukho umangalelana nomnye enyanisile; bakholosé ngochuku, bathethé inkohlakalo; bakhawula ububi, bazale ubutshinga.
5. Baqandusela amaqanda erhamba, baluka izindlu zesigcawu. Lowo udla amaqanda abo uya kufa; elinyathelweyo liqandulelwa inyushu.
6. Imisonto yabo ayiyi kuba yingubo, nemisebenzi yabo ayiyi kubagubungela. Izenzo zabo zizenzo zobutshinga; ukusebenza ngogonyamelo kusezandleni zabo.
7. Iinyawo zabo zigidimela ebubini, zikhawuleze ukuya kuphalaza igazi elimsulwa; iingcinga zabo ziingcinga zobutshinga; emendweni wabo kukubhuqa nokwaphula.
8. Àbayazi indlela yoxolo, okusesikweni akukho emikhondweni yabo; bazijikajikile iindlela zabo; bonke abanyathela kuzo àbalwazi uxolo.
9. Ngenxa yoko kukude kuthi okusesikweni, nobulungisa abufikeleli kuthi. Sithembé ukukhanya, nanku ke kumnyama; sithembé ukuba kube mhlophe, sihamba esithokothokweni.
10. Siya phuthaphutha njengeemfama eludongeni; siyaphuthaphutha njengabangenamehlo; sikhubeka emini enkulu ngathi kungongcwalazi; phakathi kwabaxhamla ubomi, ngathi thina singabafileyo.
11. Siyavungama njengebhere* sonke siphela; sidumzela sidumzele njengamavukuthu; sithemba okusesikweni, kungabikho; sithemba usindiso, lube kude kuthi.
12. Kuba zininzi izikreqo zethu phambi kwakho, nezono zethu ziyangqina ngathi; kuba izikreqo zethu zinathi, nobugwenxa bethu siyabazi:
13. ukukreqa kuYehova, nokumkhanyela, nokubuya umva kuThixo wethu, ukuthetha okucudisayo, okutyekisayo, ukukhawula nokuphimisela ngentliziyo amazwi obuxoki.
14. Okusesikweni kubuyiswe umva, nobulungisa bumi kude; ngokuba inyaniso ikhubekile endaweni yembutho, akunakungena okuthe gca.
15. Yesuka yasweleka inyaniso, nocezayo ebubini wazibhunyulisa. Wabona ke uYehova, kwakubi emehlweni akhe, ukuba kungekho okusesikweni.