Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 58:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Danduluka uphimisele, ungathinteleki; phakamisa izwi lakho njengesigodlo, ubaxelele abantu bam ukreqo lwabo, uyixelele indlu kaYakobi izono zayo.

2. Ke bayandingxoka imini ngemini, bakunanzile ukuzazi iindlela zam. Njengohlanga olwenze ubulungisa àlwalishiya isiko loThixo walo, bacela kum imigwebo yobulungisa, bakunanzile ukusondela kuThixo.

3. Bathi, Yini na ukuba sizile ukudla, ungaboni? siwuthobe umphefumlo wethu, ungazi?Yabonani, ngomhla wokuzila kwenu nifumana enikunanzileyo, nibakhandanise abasebenzi benu bonke ababulalekayo.

4. Yabonani, nizilela ukubambana, niphikisane, nibethane ngenqindi lokungendawo; namhla anizileli ukuze nivakalise ilizwi lenu phezulu.

5. Into enjalo ingaba kukuzila endikunyulileyo na? Ingaba ngumhla wokuba umntu awuthobe umphefumlo wakhe na? Ukuthokombisa intloko yakhe njengomzí andlale ezirhwexayo nothuthu, oko ùkubiza ngokuthi kukuzila na? Ngumhla okholekileyo na kuYehova?

6. Ukuzila endikunyulileyo àsikoku na: ukucombulula iziqamangelo zokungendawo, ukukhulula izitropu zeedyokhwe, ukundulula abavikivekileyo bekhululekile, náphule zonke iidyokhwe?

7. Àsikoku na: ukumqhekezela esonkeni sakho olambileyo, ubangenise endlwini abaziintsizana, abatshutshiswayo? xa uthe wabona ohamba zé, umambese, ungazifihli kwinyama yakho?

8. Kuya kwandula ke ukukhanya kwakho kuthi qhiphu njengokusa, kuhlume kamsinya ukupholiswa kwakho, buhambe phambi kwakho ubulungisa bakho, buqoshelise emva kwakho ubuqaqawuli bukaYehova.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 58