Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 57:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ilungisa liyatshabalala; akukho mntu ke ukunyamekelayo oko ngentliziyo; amadoda anobubele ayemka, akukho mntu ke uqondayo ukuba ilungisa limka phambi kokuba kubekho ububi.

2. Lingena eluxolweni; baphumla ezililini zabo ababehambe ngokuthe gca.

3. Ke nina, sondelani apha, nyana betolakazi, mbewu yomkrexezi neyehenyukazi.

4. Nivuyelela bani na? Nisinekela bani na, ning'ong'oza nje?

5. Àningabantwana bokreqo, imbewu yobuxoki, yini na, nina bazitshisekisayo emiterebhintini, phantsi kwemithi yonke eluhlaza; nina babasikayo abantwana ezihlanjeni phantsi kwemiqhokro yeengxondorha?

6. Isahlulo sakho saba sematyeni agudileyo esihlambo; wona aba ngamaqashiso akho; kananjalo wawathululela amadini athululwayo, wenyusa iminikelo yokudla kuwo. Mandizithuthùzele na ngezo zinto?

7. Entabeni ephakamileyo ende wabeka isilili sakho, wenyuka waya kubingelela imibingelelo nalapho.

8. Isikhumbuzo sakho wasibeka emva kocango nomgubasi; ngokuba wathi ungekum wazityhila, wenyuka, wasenza sabanzi isilili sakho, wanqophisana nabo, wathanda kulala nabo, wandlala ukhuko.

9. Wahambela kukumkani uneoli, wanyhikiza iziqholo zakho, wazithuma kude izigidimi zakho, wazithoba kwada kwaba kwelabafileyo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 57