Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 55:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wenani! Nonke nina ninxaniweyo, yizani emanzini, nabangenamali; yizani, thengani nidle; yizani, thengani iwayini namasi, ningenaní, ningenamali.

2. Yini na ukuba nilinganisele imali ngento engesonka, nokuxelenga kwenu ngento engahluthisiyo? Phulaphulani kum ninyameke, nidle okulungileyo, umphefumlo wenu uxhamle ukutyeba.

3. Thobani iindlebe zenu, nize kum; yivani, uphile umphefumlo wenu; ndenzè umnqophiso ongunaphakade nani, iinceba zikaDavide ezinyanisekileyo.

4. Yabona, ndimenzé ingqina ezizweni, ingànga nomwisimethetho ezizweni.

5. Yabona, ùya kubiza uhlanga ongalwaziyo, uhlanga olungakwaziyo wena lugidimele kuwe, ngenxa kaYehova uThixo wakho, ngenxa yoyiNgcwele kaSirayeli, kuba ekuhombisile.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 55