Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 53:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngubani na okholiweyo ludaba lwethu, nengalo kaYehova ityhileké kubani na?

2. Kuba yena umkhonzi unyuka njengegatya phambi kwakhe, njengehlumelo eliphuma ezweni elingumqwebedu, engenasithomo nabungangamela; sakukhangela, akwabakho kubonakala ukuba masimnqwenele.

3. Údeliwe, ushiyiwe ngabantu; yindoda enomvandedwa, eqhelene nesifo; wanga ngulowo kusitheliswa kuye ubuso, udeliwe, thina ke àsambeka.

4. Okwenene, uzithabathele phezu kwakhe izifo zethu, wathwala umvandedwa wethu, ke thina besiba ungobandezelwayo nguThixo, ungocinezelwa nguye.

5. Kanti yena uhlatywe ngenxa yezikreqo zethu, watyunyuzwa ngenxa yezenzo zethu ezigwenxa; ubetho lokuba sibe noxolo thina lube luphezu kwakhe; siphiliswé ngemivumbo yakhe.

6. Thina zonke salahleka njengeegusha, sabheka elowo endleleni yakhe, waza uYehova wamwela ngobugwenxa bethu sonke.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 53