Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 52:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Vuka, vuka, nxiba amandla akho, Ziyon! Nxiba iingubo zakho zokuhomba, Yerusalem, mzi ungcwele! Kuba akuyi kuba saphinda kungene kuwe ongalukanga, noyinqambi.

2. Zivuthulule uthuli; suk' ume, hlala phantsi, Yerusalem; zíkhulule iimbophelelo zentamo yakho, mthinjwa, ntombi inguZiyon.

3. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Kwathengiswa ngani ngelizé; aniyi kuhlawulelwa nikhululwe ngamali.

4. Kuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Abantu bam behla baya eYiputa ekuqaleni, ukuba baphambukele khona; ke ama-Asiriya abacudisa kungekho sizathu.

5. Kaloku ke yintoni na enam apha, utsho uYehova, bethatyathwe ngelizé nje abantu bam? Abalawuli babo bayabhomboloza, utsho uYehova; igama lam lihlala ligitywa imini yonke.

6. Ngako oko abantu bam baya kulazi igama lam; ngako oko baya kwazi ngaloo mini ukuba ndinguye lowo uthi, Ndingokhoyo.

7. Hayi, ukuba zintle kwazo ezintabeni iinyawo zabashumayela iindaba ezimnandi, zabavakalisa uxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo, zabavakalisa usindiso; zabathi kwiZiyon, Úyalawula uThixo wakho!

8. Phulaphula ilizwi lababoniseli bakho. Baliphakamisa kunye ilizwi, bayamemelela; ngokuba bekubona iliso kwiliso ukuyibuyisa kukaYehova iZiyon.

9. Gqobhokelani ekumemeleleni kunye, manxuwa aseYerusalem; ngokuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe, uyihlawulele wayikhulula iYerusalem.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 52