Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 51:17-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Zivuse, zivuse, suk' ume, Yerusalem, wena uyiseleyo esandleni sikaYehova indebe yobushushu bakhe; uyiselé wayifinca indebe enombilini ehexisayo.

18. Bekungekho namnye uyithundezayo iYerusalem, phakathi koonyana bonke eyabazalayo; bekungekho namnye uyibambe ngesandla, phakathi koonyana bonke eyabakhulisayo.

19. Zazimbini izinto ezakuhlelayo; ngubani na owakukhuzayo? Yimbuqo nokwaphuka, yindlala nekrele; bendingathini na ukukuthuthuzela?

20. Oonyana bakho bawa isiduli, balala emantloko ezitrato zonke, njengeula eli libanjisiweyo; bazele bubushushu bukaYehova, kukukhalima koThixo wakho.

21. Ngako oko, khawuve le nto, wena ludwayinge, unxilayo kodwa kungengayo iwayini;

22. itsho iNkosi yakho uYehova, uThixo wakho obathethelelayo abantu bakhe, ukuthi, Yabona, ndiyayithabatha esandleni sakho indebe ehexisayo, indebe enombilini yobushushu bam; akusayi kuphinda usele kuyo.

23. Ndoyibeka esandleni sabakwenza isingqala, ababesithi kumphefumlo wakho, Qubuda sigqithe, waza wena wawenza umhlana wakho wanjengomhlaba, wanjengesitrato kwabagqitha phezu kwawo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 51