Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 50:6-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ndawunikela umhlana wam kubabethi, nezidlele zam kubadlathuli beendevu; andibusithelisanga ubuso bam ehlazweni nasekutshicelweni.

7. Ke iNkosi uYehova iya kundinceda; ngenxa yoko andihlazekanga; ngenxa yoko ndabenza ubuso bam banjengeqhwitha; ndiyazi ukuba andiyi kudana.

8. Usondele ondigwebelayo; ngubani na oya kubambana nam? masime ndaweni-nye. Ngubani na ummangaleli wam? makeze kum.

9. Uyabona, INkosi uYehova iya kundinceda; ngubani na yena oya kundigweba? Yabona bonke bephela baya konakala njengengubo, amanundu aya kubadla.

10. Ngubani na kuni owoyika uYehova, ophulaphula izwi lomkhonzi wakhe? Ohamba emnyameni, kungabi mhlophe kuye, makakholose ngegama likaYehova, ayame kuThixo wakhe.

11. Yabonani, nonke niphela, nina baphemba umlilo, baxhobe iintolo ezinomlilo, hambani niye elangatyeni lomlilo wenu, nasezintolweni ezinomlilo enizivuthisileyo. Ke esandleni sam nantsi into eniya kuyizuza; niya kulala phantsi ninembulaleko.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 50