Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 50:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. ndàmbesa izulu ngezimnyama zokuzila, ndenze ezirhwexayo zibe sisigubungelo salo.

4. INkosi uYehova indinike ulwimi lwabafundileyo, ukuze ndikwazi ukuzimasa otyhafileyo ngelizwi. Ivusa imiso ngemiso, indivusela indlebe ukuba ndive ngokwabafundileyo.

5. INkosi uYehova indivule indlebe: ke mna àndenza zinkani, andabuya umva.

6. Ndawunikela umhlana wam kubabethi, nezidlele zam kubadlathuli beendevu; andibusithelisanga ubuso bam ehlazweni nasekutshicelweni.

7. Ke iNkosi uYehova iya kundinceda; ngenxa yoko andihlazekanga; ngenxa yoko ndabenza ubuso bam banjengeqhwitha; ndiyazi ukuba andiyi kudana.

8. Usondele ondigwebelayo; ngubani na oya kubambana nam? masime ndaweni-nye. Ngubani na ummangaleli wam? makeze kum.

9. Uyabona, INkosi uYehova iya kundinceda; ngubani na yena oya kundigweba? Yabona bonke bephela baya konakala njengengubo, amanundu aya kubadla.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 50