Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 5:7-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Kuba isidiliya sikaYehova wemikhosi yindlu kaSirayeli; namadoda akwaYuda sisityalo sokumyolisa. Walinda ukuba kubekho okusesikweni, nanku ikukudywida; walinda ukuba kubekho ubulungisa, nanko ikukukhalisa.

8. Yeha, abahlomela indlu kwindlu, abasondeza intsimi kwintsimi, kude kungabikho ndawo, nihlale nedwa phakathi kwelizwe!

9. Ezindlebeni zam uthi uYehova wemikhosi, Inyaniso, izindlu ezininzi ziya kuba ngamanxuwa, ezinkulu, ezintle zingabi namhlàli.

10. Kuba ishumi leendima zesidiliya liya kwenza ibhate* ibe nye, nehomere* yembewu yenze iefa* yodwa.

11. Yeha, abavuka kusasa, besukela isiselo esinxilisayo; balibale kude kube lungcwalazi, ide ibatshise iwayini!

12. Ibe luhadi nomrhubhe, ingqongqo nogwali, newayini, emgidini wabo; ke wona umsebenzi kaYehova abawubeki, nezenzo zezandla zakhe abaziboni.

13. Ngako oko abantu bam bayafuduswa bengazi, nabazukileyo kubo baba ngabafo bendlala, ingxokolo yabo itshiswa linxano.

14. Ngako oko elabafileyo lizandisile, lakhamé ngokungenamlinganiso; buhlile ubungangamela babo, nengxokozelo yabo, nengxolo yabo, nabadlamkileyo kubo.

15. Bayasibekeka abantu abaphantsi, athotywe amadoda aphakamileyo, athotywe amehlo abazidlayo;

16. ke yena uYehova wemikhosi uyaziphakamisa ngogwebo, azingcwalise uThixo oyiNgcwele ngobulungisa.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 5