19. ábathi, Makasingxamise asikhawulezise isenzo sakhe, ukuze sibone; malisondele lize icebo loyiNgcwele kaSirayeli, ukuze sazi!
20. Yeha, abathi okubi kulungile, okulungileyo kubi; abamisa ubumnyama endaweni yokukhanya, ukukhanya endaweni yobumnyama; abamisa ubukrakra endaweni yobumnandi, ubumnandi endaweni yobukrakra!
21. Yeha, abalumkileyo kwawabo amehlo, abanengqondo kokwabo ukubona!
22. Yeha, abangamagorha okusela iwayini; abangamadoda akrotele ukuphithikeza isiselo esinxilisayo; ábagwebela abangendawo, besekeleze isicengo;
23. ubulungisa bamalungisa babùsuse kuwo!
24. Ngako oko, njengokuba ulwimi lomlilo luzidla iindiza, nesikhotha esomileyo sibohla edangatyeni: kwangokunjalo ingcambu yabo iya kuba njengento evundileyo, nentyantyambo yabo inyuke njengothuli; kuba besilahlile isiyalo sikaYehova wemikhosi, bayigiba intetho yoyiNgcwele kaSirayeli.
25. Ngenxa yoko uyavutha umsindo kaYehova kubantu bakhe; úsolule phezu kwabo isandla sakhe, uyababetha; zagungqa iintaba, izidumbu zabo zanjengenkunkuma phakathi kwezitrato. Kuko konke oko, àwubuyi umsindo wakhe, isandla sakhe sísolukile.