Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 5:18-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Yeha, abatsala ubugwenxa ngeentambo zenkohlakalo, nesono bange basitsala ngomqokozo wenqwelo;

19. ábathi, Makasingxamise asikhawulezise isenzo sakhe, ukuze sibone; malisondele lize icebo loyiNgcwele kaSirayeli, ukuze sazi!

20. Yeha, abathi okubi kulungile, okulungileyo kubi; abamisa ubumnyama endaweni yokukhanya, ukukhanya endaweni yobumnyama; abamisa ubukrakra endaweni yobumnandi, ubumnandi endaweni yobukrakra!

21. Yeha, abalumkileyo kwawabo amehlo, abanengqondo kokwabo ukubona!

22. Yeha, abangamagorha okusela iwayini; abangamadoda akrotele ukuphithikeza isiselo esinxilisayo; ábagwebela abangendawo, besekeleze isicengo;

23. ubulungisa bamalungisa babùsuse kuwo!

24. Ngako oko, njengokuba ulwimi lomlilo luzidla iindiza, nesikhotha esomileyo sibohla edangatyeni: kwangokunjalo ingcambu yabo iya kuba njengento evundileyo, nentyantyambo yabo inyuke njengothuli; kuba besilahlile isiyalo sikaYehova wemikhosi, bayigiba intetho yoyiNgcwele kaSirayeli.

25. Ngenxa yoko uyavutha umsindo kaYehova kubantu bakhe; úsolule phezu kwabo isandla sakhe, uyababetha; zagungqa iintaba, izidumbu zabo zanjengenkunkuma phakathi kwezitrato. Kuko konke oko, àwubuyi umsindo wakhe, isandla sakhe sísolukile.

26. Úzinyusela ibhanile* iintlanga zakude, azenzele ikhwelo eziphelweni zehlabathi; nanzo zisiza zikhawuleza ngamendu.

27. Akukho utyhafileyo, akukho ukhubekayo kuzo; azozeli, azilali, umbhinqo wamanqe azo awuthukululeki, umtya weembadada zazo awuqhawuki.

28. Iintolo zazo zitsolile, nezaphetha zazo zonke zityediwe; amanqina amahashe azo kuthiwa anjengeqhwitha, neevili zazo zinjengesaqhwithi. Ukubharhula kwazo kunjengengonyamakazi;

29. zibharhula njengeengonyama ezintsha, zigqume, ziyibambe inyamakazi, zimke nayo, kungabikho uhlangulayo.

30. Zogquma phezu kwabo ngaloo mini, ngathi kukugquma kolwandle; babheke emhlabeni, nanko kumnyama yimbandezelo, nokukhanya kumnyama emafini phezu kwabo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 5