14. Ngako oko elabafileyo lizandisile, lakhamé ngokungenamlinganiso; buhlile ubungangamela babo, nengxokozelo yabo, nengxolo yabo, nabadlamkileyo kubo.
15. Bayasibekeka abantu abaphantsi, athotywe amadoda aphakamileyo, athotywe amehlo abazidlayo;
16. ke yena uYehova wemikhosi uyaziphakamisa ngogwebo, azingcwalise uThixo oyiNgcwele ngobulungisa.
17. Kodla iimvana apho, kunge kusedlelweni lazo; abasemathanga badlise emanxuweni ezityebi.
18. Yeha, abatsala ubugwenxa ngeentambo zenkohlakalo, nesono bange basitsala ngomqokozo wenqwelo;
19. ábathi, Makasingxamise asikhawulezise isenzo sakhe, ukuze sibone; malisondele lize icebo loyiNgcwele kaSirayeli, ukuze sazi!
20. Yeha, abathi okubi kulungile, okulungileyo kubi; abamisa ubumnyama endaweni yokukhanya, ukukhanya endaweni yobumnyama; abamisa ubukrakra endaweni yobumnandi, ubumnandi endaweni yobukrakra!
21. Yeha, abalumkileyo kwawabo amehlo, abanengqondo kokwabo ukubona!
22. Yeha, abangamagorha okusela iwayini; abangamadoda akrotele ukuphithikeza isiselo esinxilisayo; ábagwebela abangendawo, besekeleze isicengo;
23. ubulungisa bamalungisa babùsuse kuwo!
24. Ngako oko, njengokuba ulwimi lomlilo luzidla iindiza, nesikhotha esomileyo sibohla edangatyeni: kwangokunjalo ingcambu yabo iya kuba njengento evundileyo, nentyantyambo yabo inyuke njengothuli; kuba besilahlile isiyalo sikaYehova wemikhosi, bayigiba intetho yoyiNgcwele kaSirayeli.
25. Ngenxa yoko uyavutha umsindo kaYehova kubantu bakhe; úsolule phezu kwabo isandla sakhe, uyababetha; zagungqa iintaba, izidumbu zabo zanjengenkunkuma phakathi kwezitrato. Kuko konke oko, àwubuyi umsindo wakhe, isandla sakhe sísolukile.
26. Úzinyusela ibhanile* iintlanga zakude, azenzele ikhwelo eziphelweni zehlabathi; nanzo zisiza zikhawuleza ngamendu.
27. Akukho utyhafileyo, akukho ukhubekayo kuzo; azozeli, azilali, umbhinqo wamanqe azo awuthukululeki, umtya weembadada zazo awuqhawuki.