Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 5:11-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Yeha, abavuka kusasa, besukela isiselo esinxilisayo; balibale kude kube lungcwalazi, ide ibatshise iwayini!

12. Ibe luhadi nomrhubhe, ingqongqo nogwali, newayini, emgidini wabo; ke wona umsebenzi kaYehova abawubeki, nezenzo zezandla zakhe abaziboni.

13. Ngako oko abantu bam bayafuduswa bengazi, nabazukileyo kubo baba ngabafo bendlala, ingxokolo yabo itshiswa linxano.

14. Ngako oko elabafileyo lizandisile, lakhamé ngokungenamlinganiso; buhlile ubungangamela babo, nengxokozelo yabo, nengxolo yabo, nabadlamkileyo kubo.

15. Bayasibekeka abantu abaphantsi, athotywe amadoda aphakamileyo, athotywe amehlo abazidlayo;

16. ke yena uYehova wemikhosi uyaziphakamisa ngogwebo, azingcwalise uThixo oyiNgcwele ngobulungisa.

17. Kodla iimvana apho, kunge kusedlelweni lazo; abasemathanga badlise emanxuweni ezityebi.

18. Yeha, abatsala ubugwenxa ngeentambo zenkohlakalo, nesono bange basitsala ngomqokozo wenqwelo;

19. ábathi, Makasingxamise asikhawulezise isenzo sakhe, ukuze sibone; malisondele lize icebo loyiNgcwele kaSirayeli, ukuze sazi!

20. Yeha, abathi okubi kulungile, okulungileyo kubi; abamisa ubumnyama endaweni yokukhanya, ukukhanya endaweni yobumnyama; abamisa ubukrakra endaweni yobumnandi, ubumnandi endaweni yobukrakra!

21. Yeha, abalumkileyo kwawabo amehlo, abanengqondo kokwabo ukubona!

22. Yeha, abangamagorha okusela iwayini; abangamadoda akrotele ukuphithikeza isiselo esinxilisayo; ábagwebela abangendawo, besekeleze isicengo;

funda isahluko epheleleyo Uisaya 5