Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 49:5-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Kaloku ke uthi uYehova, owandibumba kwasesizalweni, ukuba ndibe ngumkhonzi kuye wokubuyisela uYakobi kuye, uSirayeli ahlanganiselwe kuye (ndizukile emehlweni kaYehova, uThixo wam waba ngamandla am);

6. uthi ke, Kuyinto elula ukuba ube ngumkhonzi kum wokumisa izizwe zakwaYakobi, ubuyise abalondolozwa bakaSirayeli; kananjalo ndiya kukwenza isikhanyiso seentlanga, ukuba ube lusindiso lwam, ude uze eziphelweni zehlabathi.

7. Utsho uYehova, uMkhululi kaSirayeli, oyiNgcwele wakhe, komphefumlo udelekileyo, kongamasikizi ezintlangeni, kumkhonzi wezilawuli, ukuthi, Ookumkani baya kubona, basuke beme, nabathetheli babone, baqubude ngenxa kaYehova onyanisekileyo, oyiNgcwele kaSirayeli, ngokokuba ekunyule.

8. Utsho uYehova ukuthi, Ngexesha elamkelekileyo ndikuphéndule, ndakunceda ngemini yosindiso. Ndiya kukubumba, ndikunike ukuba ube ngumnqophiso wabantu, ukuba ulimise ilizwe, ukuba uwabe amafa angamanxuwa;

9. uthi kubabanjwa, Phumani; kwabasemnyameni, Velani.Baya kudla ngokomhlambi ezindleleni, amadlelo abo abekho naseluqayini lonke.

10. Abayi kulamba, abayi kunxanwa, abayi kubethwa sisangá nalilanga; ngokuba onemfesane kubo uya kubaqhuba, abathundezele emanzini ampompozayo.

11. Ndiya kuzenza zonke iintaba zam zibe ziindlela, uphakame umendo wam.

12. Yabona, aba baya kuvela kude; yabona, aba baya kuvela kwelasentla naselwandle, aba bavele ezweni lamaSini.

13. Memelelani, mazulu; gcoba, hlabathi; gqabhukani nimemelele, zintaba; ngokuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe, unemfesane kwabaziintsizana zakhe.

14. Ke yathi iZiyon, UYehova undishiyile, iNkosi yandilibala.

15. Umfazi angàlulibala yini na usana lwakhe, ukuba angabi namfesane kunyana wesizalo sakhe? Nokuba oonina abo bathe balibala, andiyi kukulibala mna.

16. Ùyabona, ndikuvambile ezintendeni zezandla zam; iindonga zakho zihlala zimi phambi kwam.

17. Oonyana bakho bayakhawuleza, bayeza; abagungxuli bakho nabachithi bakho bayaphuma kuwe.

18. Phakamisa amehlo akho ngeenxa zonke, ubone; bonke bephela bayahlanganisana, beza kuwe. Ndihleli nje, utsho uYehova, ùya kubanxiba bonke bephela njengezivatho, ubabhinqe ngokombhinqo womtshakazi.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 49