Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 49:16-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Ùyabona, ndikuvambile ezintendeni zezandla zam; iindonga zakho zihlala zimi phambi kwam.

17. Oonyana bakho bayakhawuleza, bayeza; abagungxuli bakho nabachithi bakho bayaphuma kuwe.

18. Phakamisa amehlo akho ngeenxa zonke, ubone; bonke bephela bayahlanganisana, beza kuwe. Ndihleli nje, utsho uYehova, ùya kubanxiba bonke bephela njengezivatho, ubabhinqe ngokombhinqo womtshakazi.

19. Ngokuba amanxuwa akho la, neendawo zakho ezigungxuliweyo, nelizwe lakho elichithakeleyo — inene, ngoku ùya kuxinana ngabemi kulo, babe kude abaginyi bakho.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 49