Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 48:9-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ngenxa yegama lam ndizeka kade ukuba nomsindo, nangenxa yendumiso yam ndiyawubamba ngakuwe, ukuze ndingakunqumli.

10. Uyabona, ndikunyibilikisile, akwaba ngokwesilivere; ndakucikida ezikweni leentsizi.

11. Ndikwenza oko ngenxa yam, ngenxa yam (hayi, ukuhlanjelwa kwegama lam!); andiluniki wumbi uzuko lwam.

12. Phulaphula kum, Yakobi, Sirayeli, mbizwa wam; ndim, ndingowokuqala, ewe, ndingowokugqibela.

13. Ewe, isandla sam siseke ihlabathi, esokunene sam saneke izulu; ndithi ndakuzibiza ezo zinto, zime kunye.

14. Zihlanganiseni, nonke niphela, nive; ngubani na phakathi kwezithixo owazixelayo ezo zinto? Umthandwa kaYehova uya kukwenza ukuthanda kwakhe kwiBhabheli, nengalo yakhe ikwenze kumaKaledi.

15. Mna nditshilo, ewe, ndimbizile, ndimzisile; inempumelelo indlela yakhe.

16. Sondelani kum, nive oku. Kwasekuqaleni andithethanga entsithelweni; kususela kwixesha lokwenzeka kwako oko, ndilapha; nangoku iNkosi uYehova indithumile, mna noMoya wayo.

17. Utsho uYehova, umkhululi wakho, oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Mna Yehova, Thixo wakho, ndingokufundisa okungakuncedayo, ndikunyathelise ngendlela oya kuhamba ngayo.

18. Akwaba imithetho yam ubuyibazele indlebe! Beluya kuba njengomlambo uxolo lwakho, nobulungisa bakho bube njengamaza olwandle;

19. ibiya kuba njengentlabathi imbewu yakho, abaphuma ezibilinini zakho babe njengamasuntsu ayo; belingayi kunqunyulwa litshabalale igama labo ebusweni bam.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 48