Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 48:14-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Zihlanganiseni, nonke niphela, nive; ngubani na phakathi kwezithixo owazixelayo ezo zinto? Umthandwa kaYehova uya kukwenza ukuthanda kwakhe kwiBhabheli, nengalo yakhe ikwenze kumaKaledi.

15. Mna nditshilo, ewe, ndimbizile, ndimzisile; inempumelelo indlela yakhe.

16. Sondelani kum, nive oku. Kwasekuqaleni andithethanga entsithelweni; kususela kwixesha lokwenzeka kwako oko, ndilapha; nangoku iNkosi uYehova indithumile, mna noMoya wayo.

17. Utsho uYehova, umkhululi wakho, oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Mna Yehova, Thixo wakho, ndingokufundisa okungakuncedayo, ndikunyathelise ngendlela oya kuhamba ngayo.

18. Akwaba imithetho yam ubuyibazele indlebe! Beluya kuba njengomlambo uxolo lwakho, nobulungisa bakho bube njengamaza olwandle;

19. ibiya kuba njengentlabathi imbewu yakho, abaphuma ezibilinini zakho babe njengamasuntsu ayo; belingayi kunqunyulwa litshabalale igama labo ebusweni bam.

20. Phumani eBhabheli, sabani kwelamaKaledi; kuxeleni ninelizwi lokumemelela, kuvakaliseni oku, kuhlabeleni kuye naseziphelweni zehlabathi; yithini, UYehova umkhulule ngokumhlawulela umkhonzi wakhe uYakobi.

21. Abanxanwanga, ebahambisa engqaqasini; wabatsitsisela amanzi eweni, wacanda iliwa, atsaza amanzi.

22. Akukho luxolo kwabangendawo, utsho uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 48