Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 48:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yivani oko, ndlu kaYakobi, nibizwayo ngegama likaSirayeli, naphumáyo emanzini kaYuda; nina nilifungayo igama likaYehova, nimkhankanye uThixo kaSirayeli, kungenganyaniso, kungengabulungisa.

2. Ngokuba bazibiza ngokuthi ngabomzi ongcwele, bazixhase ngoThixo kaSirayeli, ogama lakhe linguYehova wemikhosi.

3. Izinto zangaphambili ndazixela kwanîni; zaphuma emlonyeni wam, ndazibonakalalisa; ndazenza ngesiquphe, zabakho.

4. Ngokukwazi kwam ukuba ùlukhuni, nentamo yakho ingumsipha wesinyithi,

5. nebunzi lakho lilubhedu, ndakuxelela ezo zinto kwanîni; zingekafiki ndakuvisa, hleze uthi, Isithixo sam sizenzile, umfanekiso wam oqingqiweyo notyhidiweyo uzimisile.

6. Ùvile; sikhangele zonke ziphela; wena ke akunakuzixela na? Ndiya kukuvisa izinto ezintsha, ezifihlakeleyo, obungazazi.

7. Zidalwa ngoku, azidalwanga kwanîni; ingekabikho le mini, ubungaziva; hleze uthi, Yabona, bendizazi.

8. Ubungàziva; ubungàzazi; ibingavulekile indlebe yakho kwanîni. Kuba bendisazi ukuba unginiza unginizile; ukubizwa kwakho kuthiwa ungumkreqi kwasesizalwani.

9. Ngenxa yegama lam ndizeka kade ukuba nomsindo, nangenxa yendumiso yam ndiyawubamba ngakuwe, ukuze ndingakunqumli.

10. Uyabona, ndikunyibilikisile, akwaba ngokwesilivere; ndakucikida ezikweni leentsizi.

11. Ndikwenza oko ngenxa yam, ngenxa yam (hayi, ukuhlanjelwa kwegama lam!); andiluniki wumbi uzuko lwam.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 48