Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 46:3-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Phulaphulani kum, ndlu kaYakobi, nonke masalela endlu kaSirayeli, nina nabekwayo phezu kwam kwasesiswini, nina nathwalwayo ndim kwasesizalweni;

4. kude kuse ebudaleni ikwandim, kude kuse ezimvini ndiya kunityatha emagxeni mna. Ndikwenzile mna; ndiya kunithwala mna, ndiya kunityatha emagxeni mna, ndinisize.

5. Ninokundifanisa, nindilinganise, nindinxulumise nabani na, ukuba sifane?

6. Bona bawohloza igolide engxoweni, balinganise isilivere ngesikali;* baqesha umnyibilikisi, ayenze isithixo; basibekeke, ewe, baqubude.

7. Bayasithwala, basityathe emagxeni, basibeke phantsi endaweni yaso, sime; asibuyi sisuke kuloo ndawo yaso; ewe, bayakhala kuso, singaphenduli; àsisindisi bani embandezelweni yakhe.

8. Khumbulani oko, nibe ngamadoda; kunyamekeleni ngentliziyo, nina bakreqileyo.

9. Khumbulani izinto zangaphambili, zasephakadeni, okokuba ndinguThixo, akukho wumbi; ndinguThixo, akukho namnye unjengam;

10. ukuxelayo kwasekuqaleni okungasemva, nakwabamandulo okungekenzeki, ndisithi, Icebo lam liya kuma, ndikwènze konke ukuthanda kwam;

11. ndíbiza ukhozi empumalanga, indoda yecebo lam ezweni elikude; ndítshilo, ewe, ndiya kukufeza; ndíyilile, ewe, ndiya kukwenza.

12. Phulaphulani kum, nina bantliziyo ilukhuni, bakude nobulungisa.

13. Ndisondeza ubulungisa bam, abuyi kuba kude; nosindiso lwam aluyi kulibala; ndinika usindiso eZiyon, uzuko lwam kuSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 46