Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 45:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Utsho uYehova kumthanjiswa wakhe, kuKoreshi, endimbambe ngesandla sokunene, ukuba ndizinyathele iintlanga phambi kwakhe; ndikhulùle amanqe ookumkani, ukuba ndizivule iingcango ezingambini, namasango angabi nakuvalwa:

2. ukuthi, Ndiya kuhamba phambi kwakho, ndilungelelanise iindawo ezimaqhubu, ndiqhekeze iingcango zobhedu, ndixakaxe nemivalo yesinyithi;

3. ndikunike ubuncwane obusemnyameni, neengqwebo ezisezintsithelweni; ukuze wazi, ukuba mna Yehova ndingulo ukubize ngegama, uThixo kaSirayeli.

4. Ngenxa yomkhonzi wam uYakobi, uSirayeli umnyulwa wam, ndakubiza ngegama lakho, ndakuthiya namanye amagama, ungàndazi.

5. NdinguYehova; akukho wumbi, akukho Thixo ingendim.

6. Ndakubhinqa ungàndazi, ukuze bazi, bethabathela ekuphumeni kwelanga bese nasekutshoneni kwalo, ukuba akukho namnye ingendim; ndinguYehova, akukho wumbi.

7. NdinguMenzi wokukhanya, uMdali wobumnyama, uMenzi woxolo, uMdali wobubi: mna Yehova ndinguMenzi wezo zinto zonke.

8. Vuzisani, mazulu phezulu síkhumezele ubulungisa isibhakabhaka; mawuvuleke umhlaba, uqhame usindiso, uhlumise ubulungisa kunye: mna Yehova ndikudalile oko.

9. Yeha ke, obambana noMenzi wakhe! Ligophe emagopheni ezitya zomdongwe! Udongwe lunokuthi na kumbumbi walo, Wènza ntoni na? nomsèbenzi wakho unokuthi na, Akunazandla?

10. Yeha ke, othi kuyise, Ùzaleleni na? nakumfazi, Ùnanimba ngani na?

funda isahluko epheleleyo Uisaya 45