Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 44:4-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Baya kuhluma phakathi kotyani, njengemingculuba engasemisingeni yamanzi.

5. Omnye uya kuthi, NdingokaYehova; nomnye uya kunqula igama likaYakobi; kwanomnye uya kuzibhala ngesandla sakhe kuYehova, alihloniphe igama likaSirayeli.

6. Utsho uYehova, uKumkani wakwaSirayeli, uMkhululi wakhe, uYehova wemikhosi, ukuthi, Ndingowokuqala, ndingowokugqibela; akukho Thixo ingendim.

7. Ngubani na oshumayela njengam — makaxele andicacisele — ethabathela ekumiseni kwam abantu basendaleni? Izinto ezizayo, neziza kubakho, mabazixele.

8. Musani ukunkwantya, ningajijitheki; andikuvisanga na kwanini, ndanixelela? Ningamangqina am. Kukho Thixo na, ingendim? Akukho liwa, andilazi mna.

9. Abayili bemifanekiso eqingqiweyo bonke bephela baluchuku, neento zabo ezinqwenelekayo azincedi nto; bona bangamangqina azo; ababoni, abazi, ukuze badane.

10. Ngubani na oyile uthixo, watyhida umfanekiso ongenakunceda nto?

11. Yabona, onke amadlelane awo aya kudana, neengcibi ezo zezasebantwini; mababuthelane bonke bephela, beme, bankwantye, badane kunye.

12. Ingcibi yesinyithi ilola inkxola, isebenza ngamalahle avuthayo, isiyila isithixo ngezando, isibenza ngengalo yayo enamandla; kanjalo iyalamba, ingabi namandla; ayiseli manzi, ityhafe.

13. Ingcibi yemithi yolula ulutya lokulinganisa, isibabula isiqu saso ngechitywa; isilungisa ngezinto zokuchwela; isibabula isiqu saso ngekompas,* isenze ngemfano yendoda, ngokobuhle bomntu, ukuba sihlale endlwini.

14. Ugawula imisedare,* uthabatha umholem* nomoki,* akhethe emithini yehlathi; utyala umpayine,* imvula iwukhulise.

15. Woba ke yinto yokuba umntu aphembe umlilo; athabathe kuwo, othe; uphatha kuthi abase umlilo, ose isonka; uphatha kuthi, enze uthixo, aqubude kuye, enze umfanekiso oqingqiweyo, asibekeke kuwo.

16. Inxalenye yawo uyitshisa emlilweni; inxalenye yawo uyidla inyama ngayo; wosa ose ahluthe; ewe, uyotha, athi, Hee ke! ndiyotha, ndiva umlilo!

17. Oseleyo kuwo uwenza uthixo, umfanekiso wakhe oqingqiweyo, asibekeke kuwo, aqubude kuwo, athandaze kuwo, athi, Ndíhlangule; ngokuba, ùnguthixo wam.

18. Àbazi, àbaqondi; ngokuba avingciwe amehlo abo ukuba angaboni, ukuba iintliziyo zabo zingaqiqi;

funda isahluko epheleleyo Uisaya 44