Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 44:14-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ugawula imisedare,* uthabatha umholem* nomoki,* akhethe emithini yehlathi; utyala umpayine,* imvula iwukhulise.

15. Woba ke yinto yokuba umntu aphembe umlilo; athabathe kuwo, othe; uphatha kuthi abase umlilo, ose isonka; uphatha kuthi, enze uthixo, aqubude kuye, enze umfanekiso oqingqiweyo, asibekeke kuwo.

16. Inxalenye yawo uyitshisa emlilweni; inxalenye yawo uyidla inyama ngayo; wosa ose ahluthe; ewe, uyotha, athi, Hee ke! ndiyotha, ndiva umlilo!

17. Oseleyo kuwo uwenza uthixo, umfanekiso wakhe oqingqiweyo, asibekeke kuwo, aqubude kuwo, athandaze kuwo, athi, Ndíhlangule; ngokuba, ùnguthixo wam.

18. Àbazi, àbaqondi; ngokuba avingciwe amehlo abo ukuba angaboni, ukuba iintliziyo zabo zingaqiqi;

19. banganyamekeli ngeentliziyo zabo, kungabikho kwazi, kungabikho kuqonda, ukuba bathi, Inxalenye yawo ndiyitshisile emlilweni; ewe, ndosa isonka emalahleni awo; ndosa inyama, ndadla; oseleyo kuwo ndiya kuwenza amasikizi na? ndisibekeke na kwinto evele emthini?

20. Esukelana nothuthu nje, intliziyo edetshiselweyo imtyekisile kangangokuba angawuhlanguli umphefumlo wakhe, athi, Akukho buxoki na esandleni sam sokunene?

21. Khumbula ezo zinto, Yakobi, Sirayeli, ngokuba ungumkhonzi wam; ndikubumbile, ungumkhonzi kum; Sirayeli, akuyi kulityalwa ndim.

22. Ndilucimile njengelifu elingqingqwa ukreqo lwakho, nezono zakho njengelifu elisibekeleyo; buyela kum, ngokuba ndikukhulúle ngokukuhlawulela.

23. Memelelani, mazulu, ngokuba uYehova ekwenzile; dumani, zinzulu zehlabathi; gqabhukani nimemelele, zintaba, hlathi, nani nonke mithi ekulo; ngokuba uYehova emhlawulele wamkhulula uYakobi, ezihombisile ngoSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 44