11. Mna ke, mna ndinguYehova, akukho msindisi ingendim.
12. Mna ndixelile, ndasindisa, ndabonisa, kungekho thixo wumbi kuni; ningamangqina am, utsho uYehova, ukuba ndinguThixo.
13. Unanamhla ndinguye, akukho unokuhlangula esandleni sam; ndísebenza, ngubani na ke onokukubuyisa oko umva?
14. Utsho uYehova, umkhululi wenu, oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa yenu ndithumele eBhabheli, ukuba ndibahlise abasabayo bonke bephela, namaKaledi, ngeenqanawa zokumemelela kwabo.