Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 43:10-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ningamangqina am, utsho uYehova, nina ningumkhonzi wam endimnyulileyo; ukuze nazi, nikholwe ndim, niqonde ukuba ndim; phambi kwam akubunjwanga thixo, nasemva kwam akuyi kubakho namnye.

11. Mna ke, mna ndinguYehova, akukho msindisi ingendim.

12. Mna ndixelile, ndasindisa, ndabonisa, kungekho thixo wumbi kuni; ningamangqina am, utsho uYehova, ukuba ndinguThixo.

13. Unanamhla ndinguye, akukho unokuhlangula esandleni sam; ndísebenza, ngubani na ke onokukubuyisa oko umva?

14. Utsho uYehova, umkhululi wenu, oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa yenu ndithumele eBhabheli, ukuba ndibahlise abasabayo bonke bephela, namaKaledi, ngeenqanawa zokumemelela kwabo.

15. Mna, Yehova, ndingoyiNgcwele wenu, uMdali kaSirayeli, uKumkani wenu.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 43