Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 43:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kaloku ke utsho uYehova, uMdali wakho, Yakobi, uMbumbi wakho, Sirayeli, ukuthi, Musa ukoyika; ngokuba ndikukhulule ngokukuhlawulela; ndikubizile ngegama lakho, ungowam.

2. Xa uthi uwéle emanzini, ndoba nawe: nasemilanjeni, ayisayi kukuntywilisela; xa uthi uhambe emlilweni, akuyi kurhawuka, nelangatye lingakutshisi.

3. Ngokuba mna, Yehova, ndinguThixo wakho, mna, Ngcwele kaSirayeli, ndingumsindisi wakho; ndirholé iYiputa yakucamagushela, iKushi neSebha zaba sesikhundleni sakho.

4. Ngenxa yokuba unqabile emehlweni am, uzukile, mna ke ndikuthandile; ndirhola abantu esikhundleni sakho, nezizwe esikhundleni sobomi bakho.

5. Musa ukoyika, ngokuba ndinawe: ndiya kuyizisa imbewu yakho ivela empumalanga, ndikubuthe nasentshonalanga.

6. Ndiya kuthi kumntla, Ethe; nakumzantsi, Musa ukuthintela; nazise oonyana bam bevela kude, neentombi zam zivela eziphelweni zehlabathi:

7. yonke into ebizwe ngegama lam, endiyidalele uzuko lwam, endiyibumbileyo, endiyenzileyo.

8. Khupha abantu abaziimfama benamehlo, nabazizithulu beneendlebe.

9. Nonke zintlanga, buthelanani ndawonye, zihlangane izizwe. Ngubani na kuni onokukuxela oko? Mabasivise izinto zangaphambili, mabamise amangqina abo, bagwetyelwe; mabeve ke abantu, bathi, Yinyaniso.

10. Ningamangqina am, utsho uYehova, nina ningumkhonzi wam endimnyulileyo; ukuze nazi, nikholwe ndim, niqonde ukuba ndim; phambi kwam akubunjwanga thixo, nasemva kwam akuyi kubakho namnye.

11. Mna ke, mna ndinguYehova, akukho msindisi ingendim.

12. Mna ndixelile, ndasindisa, ndabonisa, kungekho thixo wumbi kuni; ningamangqina am, utsho uYehova, ukuba ndinguThixo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 43