Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 42:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Mboneni ke umkhonzi wam endimxhasayo; umnyulwa wam, okholwa nguye umphefumlo wam. Ndibeke uMoya wam phezu kwakhe; uya kukuphumelelisa okusesikweni ezintlangeni.

2. Akayi kunkqangaza, aliphakamise, alivakalise ezitratweni ilizwi lakhe.

3. Ingcongolo evikivekileyo akayi kuyaphula, umsonto oqhumayo akayi kuwucima; uya kukuphumelelisa okusesikweni ngokwenyaniso.

4. Akayi kuba nakucinywa, akayi kuvikiveka, ade akumise okusesikweni ehlabathini, zilindele isiyalo sakhe iziqithi.

5. Utsho uThixo yena, uYehova, udala izulu, alaneke; utwabulula umhlaba neziveliso zawo; unika abantu abaphezu kwawo ukuphefumla, unika abahamba kuwo umoya:

6. ukuthi, Mna, Yehova, ndikubizile ngokobulungisa, ndakubamba ngesandla; ndiya kukulondoloza, ndikwenze umnqophiso wabantu, isikhanyiselo seentlanga;

7. ukuba uvule amehlo eemfama, ukuba ukhuphe abakhonkxiweyo ekuvalelweni, abahleli ebumnyameni ubakhuphe entolongweni.

8. NdinguYehova, lilo elo igama lam; andiluniki omnye uzuko lwam, nendumiso yam andiyiniki imifanekiso eqingqiweyo.

9. Izinto zokuqala, yabona, zifikile; ndixela izinto ezintsha, ke zingekantshuli ndiyanivisa.

10. Vumani kuYehova ingoma entsha, indumiso yakhe kwaseziphelweni zehlabathi, nina bahla baye elwandle, nenzaliseko yalo, nina ziqhithi nabemi bazo.

11. Mayiphakamise izwi intlango, nemizi yayo, nemizana ehleli amaKedare; mabamemelele abemi bengxondorha, batsholoze ezincotsheni zeentaba.

12. Mabamzukise uYehova, baxele indumiso yakhe eziqithini.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 42